Yongezwe kwi Nqwelo

Iirhafu neemali zezinto ezivela ngaphandle

U-UBUY uneentlobo ezahlukeneyo zeCustom Clearance kuxhomekeka kwilizwe ezithunyelwa kulo izinto,

Iirhafu Zokungenisa Izinto Elizweni Nezokuthenga Ngaphandle Kwelizwe Zibhatelwe:

  1. Umthengi uzibhatala kwangaphambili iirhafu ku-UBUY xa efaka ioda
  2. Akukho zimali zongezelelekileyo eziza kubhatalwa ngumthengi.
  3. Ukuba kukho uxwebhu olufunekayo kumthengi, kumele umntu obhatalela ioda alufake olo xwebhu kuselithuba.

Iirhafu Zokungenisa Izinto Elizweni Nezokuthenga Ngaphandle Kwelizwe Azibhatelwanga:

  1. Umthengi akazukuzibhatala iirhafu ku-UBUY xa efaka ioda
  2. Ezo ndleko ziza kubhatalwa ngumthengi kumntu obiza imali yokungenisa izinto elizweni ukuze akhulule ipasile.
  3. Umthengi uza kufumana i-invoyisi kwinkampani eposa izinto equka iindleko zokungenisa izinto elizweni, iirhafu zokuthenga ngaphandle kwelizwe nezinye iindleko.
  4. Umthengi kumele ayigcine irisithi yokuba ebhatalele iindleko zokungenisa izinto elizweni ukuze abhekisele kuyo kwixesha elizayo.
  5. Umthengi unoxanduva lokubhatalela iindleko zokungenisa izinto elizweni kunye nezinye iimali xa kukhululwa izinto ukuba zingene elizweni; ukuba abantu abathumela izinto ngeposi bafuna imali eyongezelelekileyo ngexesha lokufika kwezintom nceda uqhagamshelane necandelo lenkonzo yabathengi ngoko nangoko.

Ukubala Iirhafu Zokungenisa Izinto Elizweni Nezokuthenga Ngaphandle Kwelizwe:

  1. Iimali neerhafu zezinto ezivela ngaphandle ebizwayo xa ubhatala iyaqikelelwa ayiyo ngqo.
  2. Ukuba eyona mali yezinto ezivela ngaphandle inkulu kunaleyo iqikelelweyo etsaliweyo xa ubufaka ioda, uUBUY uza kuzibhatala iimali ezongezelelekileyo ezibizwayo.
  3. Le mimiselo ingentla iyasebenza naxa kuthunyelwa nayiphi na imveliso ekutshintshwa ngayo (ukuba kunjalo).

Izinto ezinendima ebalulekileyo xa kuqikelelwa Iirhafu Zokungenisa Izinto Elizweni Nezokuthenga Ngaphandle Kwelizwe:

  1. Udidi nexabiso lwemveliso
  2. Iindleko zokuthumela nobunzima bepakheyji
  3. Ijelo lokuvumeleka kwezinto ezivela ngaphandle
  4. kusenokubakho imali yendleko zokugcina izinto ukuba uyalabazisa ukufaka amaxwebhu afunekayo.
  5. Iirhafu zokungenisa izinto elizweni zisekelwe kwiimali ezibizwayo xa zingena
  6. Iimali zokungenisa izinto ngokwemithetho yokungenisa izinto yelizwe eziya kulo.
  7. Umthengi angathunyelelwa iipasile eziliqela ngeoda enye; iindleko zokungena kwezinto elizweni ziza kubizwa ngokwepasile nganye ngokwendlela ezibalwa ngayo.