Ipolisi Yokuthumela Izinto
Ukuqinisekisa ukuba umthengi wanelisekile bekusoloko kuyeyona nto ibalulekileyo. Eyona njongo yethu kukuqinisekisa ukuba izinto ezithunyelwayo zomthengi ziziswa zikhuselekile lingekapheli ixesha ebekuthwe ziza kuthunyelwa ngalo.
Iqela lethu ziyazijongisisa iipakethi xa zisuka de zifike kakuhle kubathengi. Sinethemba lokuba siza kwenza abathengi baye besithenba kwaye bancume qho kusiziswa izinto abaziodileyo.
Iipolisi Nendlela Yokuthumela Izinto
Imveliso (iimveliso) ikhutshwa ngumntu oyithengisayo iye kwindawo yethu yokuyigcina. Loo mveliso (iimveliso) ziyahlolisiwa kwindawo yethu yokuyigcina ngaphambi kokuba zikhutshwe ziye kubathengi. Ezi zinto sizithumela kuselithuba ngokusebenzisana neenkampani ezingezizo ezethu zokuposa izinto ezithi zise iioda kubathengi egameni lethu.
Iindlela Zokuthumela Izinto:
Xa ufaka ioda, ungakhetha indlela eza kuthunyelwa ngayo xa ubhatala. Usuku ekucingelwa ukuba iza kufika ngalo kwingcaciso yemveliso ilichaphazela kakhulu ixesha elithathwayo ukuyithumela.
Iindleko Zokuthumela Izinto:
Imali epheleleyo yokuthumela izinto ibalwa xa ubhatala. Iimali yokuthumela izinto iyohluka kuxhomekeka kubunzima nobukhulu nakwindlela yokuthumela izinto ekhethiweyo. Imali yokuthumela izinto iza kutshintsha qho kusongezwa into kwitroli yakho Abathengi bangonga ngakumbi kwimali yokuthumela izinto ngokuthi bandise ubukhulu bebhasketi yabo endaeni yokufaka ioda yento nganye.
Izinto Ezibalulekileyo omele Ucinge ngazo Ngokuthunyelwa Kwezinto:
Qinisekis ukuba uzazi kakuhle ezi zinto zilandelayo:
-
Imiqathango Yephakethi:
Ngokwemilinganiselo yemibutho yeenqwelo-moya zamazwe ngamazwe, iimveliso ezinezinto ezingamanzi anokwenza kutshe, ezineegesi, iigesi ezingamanzi, nento xa idibene neoksijini inokuvuthisa ezinye, nezinto eziqinileyo ezinokubangela kutshe ziphantsi kwemiqathango yephakethi ngokusekelwe kubunzima obuyivolum yazo. Ioda yakho iza kuthunyelwa izipasile eziliqela ukuba kunokwenzeka ukuba ibe nale (nezi) mveliso.
-
Into Ethunyelweyo Ihleli Kwindawo Yokungenisa Izinto Elizweni:
Qho kuthengwa ngolo hlobo ngumthengi kwiwebhusayithi yakwaUbuy, umntu ofumana ipasile kwilizwe eya kulo kuzo zonke izihlandlo uza kuba Ngumntu Ofumana Izinto Ezivela Ngaphandle ibe umele ahambiselane nemithetho nemimiselo yelo lizwe ziya kulo imveliso (iimveliso) ezithengwe kwiWebhusayithi yakwaUbuy.
Inkampani yokuposa izinto idla ngokuyihoya ngokwayo inkqubo yokukhululwa kwezinto ezingena elizweni. Xa kunokwenzeka ukuba into ethunyelweyo ibanjwe kwiinkqubo zokukhulula izinto ezingena elizweni ngenxa yokungabikho kweempepha/amaxwebhu/ukuchaza/ ilayisensi okanye izatifikethi zikarhulument okanye zingachananga ezifunwa Kumntu Ofumana Izinto Ezivela Ngaphandle:
- Ukuba Umntu Ofumana Izinto Ezivela Ngaphandle uyasilela ukunikezela ngala maxwebhu neempepha ezifunekayo kubasemagunyeni bezinto ezingena elizweni ibe ngenxa yaloo nto imveliso (iimveliso) zibanjwe kwinkqubo yokukhulula izinto ezingena elizweni, u-Ubuy akazukubuyisa imali. Ngoko, sicebisa ukuba ulungiselele kusengaphambili uze ufake amaxwebhu afunekayo xa efunwa ngabasemagunyeni bezinto ezingena elizweni.
- Ukub into ethunyelweyo ibuyiselwa kwindawo esigcina iimveliso kuyo ngenxa yokungabikho kweempepha njl.njl. ezifuneka kumthengi, imali iza kubuyiswa kuphepal emva kokutsala imali yokuthunyelwa kwezinto ezibuyiswayo kwimali ekuthengwe ngayo imveliso. Iimali zokuthumela nezokungenisa izinto elizweni azizukuqukwa kwimali ebuyiswayo.
-
Izinto Ezingathumelekiyo/Ukujikiswa Kwezinto Ezithunyelweyo Ezingafunwayo
Xa ukuthunyelwa kwento kuvunyiwe ngabasemagunye bezinto ezingena elizweni, inkampani eposa izinto iza kuqhagamshelana nomthengi ize ilungiselele ukuba iziswe ioda:
Xa umthengi enokuthi angaphenduli, angafuni ukuyamkela into eziswayo okanye engafuni ukubhatala iirhafu ezifunekayo xa zizisiwe. Loo nto ithunyelweyo iza kubuyiselwa kwilizwe evela kulo.
The customer may file a refund claim for the above cases. If the shipment is eligible for a refund per Ubuy Return Policy then the Shipping, Custom and other charges (Tax, Gateway charges etc) will not be included in the refund. The Restocking Fee, Customs & VAT(If Applicable) will also be deducted from the total price of goods affected in the shipment.
Ukuba izinto ezithunyelweyo azibuyiswanga okanye imveliso (iimveliso) ayinakujikiswa, umthengi akafaneleki ukuba abuyiselwe imali.
-
Izinto Ezingavumelekanga Nezinemiqathango Yokungeniswa Elizweni Kwilizwe Eziya Kulo:
U-Ubuy usoloko efuna ukuthobela imithetho nokuqinisekisa ukuba imveliso (iimveliso) iyahambiselana nezinto ezifunwa ngumthetho nezokhuseleko kumazwe eya kuwo. Kodwa ke, ayizizo zonke iimveliso ezidweliswe kwiWebhusayithi yakwaUbuy ezisenokuba ziyafumaneka ukuba zithengwe kwilizwe eziya kulo. U-Ubuy akathembisi ibe akanikezeli ngegaranti yokufumaneka kwemveliso (kweemveliso) edweliswe kwiwebhusayithi yakhe njengefumanekayo kwilizwe lomthengi eya kulo.
Zonke iimveliso ezithengwe kwiWebhusayithi yakwaUbuy ngalo lonke ixesha ziphantsi kwayo yonke Imimiselo yokungenisa izinto elizweni Zokushishina nezeeRhafu yaso nasiphi na isizwe Esinomthetho osebenzayo. Ngenxa yokuba kukho iimveliso ezizimiliyoni ezifumanekayo kwiwebhusayithi/app yethu, kunzima ukuzikhetha ezo zingakwaziyo ukuthunyelwa ngenxa yemithetho nendlela yokwenza izinto xa kungeniswa izinto ezivela kwelinye ilizwe zelizwe elithile.
Umthengi othenga imveliso (iimveliso) kwiWebhusayithi yakwaUbuy kunye/okanye umntu ofumana imveliso (iimveliso) kwilizwe eya kulo nguye yedwa (bobabini) onoxanduva lokuqinisekisa ukuba imveliso (iimveliso) iyakwazi ukungena kwilizwe eya kulo ngokusemthethweni njengoko u-Ubuy nabantu esisebenzisana nabo singenzi siqinisekiso, kubekho okanye zithembiso zalo naluphi na uhlobo malunga nokuba semthethweni kokungeniswa kwelo lizwe lisemhlabeni kwemveliso (kweemveliso) ethengwe kwiwebhusayithi yakwaUbuy. Ukuba imveliso (iimveliso) eodiweyo yinto enemiqathango okanye engavunyelwayo ize ingavunywa ngabasemagunyeni bokukhulula izinto ezingeniswa elizweni kwilizwe eya kulo, umthengi akafaneleki ukuba abuyiselwe imali.
Izizathu Zokulibaziseka:
Ixesha lokuziswa eliqikelelweyo olifumana ku-Ubuy libonisa eyona ndlela iqhelekileyo yokuziswa. Kodwa ke, ezinye ioda ngamanye amaxesha zisenokulinda ixesha elide ukuba zithunyelwe ngenxa:
- Imozulu embi
- Ukulibaziseka kweenqwelo-moya
- Iiholide okanye imisitho yelizwez
- Indlela ekwenziwa ngayo kwindawo yokukhulula izinto ezivela ngaphandle
- Iintlekelo zemvelo
- Ukuqhambuka kwesifo.
- Ezinye imeko ezingenakubonwa kwangaphambili
Ukulandelela Ukuthunyelwa:
Zonke iipasile ezithunyelwayo zinokulandelelwa ngokusebenzisa inombolo yeId yeOda kwiphepha lethu lokulandelela. Indawo yokukhetha ukulandelela ioda inokufunyanwa ezantsi kwiwebhusayithi yethu Umntu osebenzisa i-app angayibona indawo yokukhetha ukulandelela ioda xa ecofa uphawu lwemenyu olukwicandelo eliphezulu ekhohlo kwi-app. Umsebenzisi angacofa kwindawo ethi ioda yam aze alandelele lula ukuthunyelwa kwepasile.
Zive ukhululekile ukuqhagamshelana neqela lethu loncedo ukuze ufumane uncedo olungakumbi.